Isebe:
LezeNzululwazi nobuChwepheshe
Iintlelo zolwazi lwemveli
Iintlelo zolwazi lwemveli
INTSHAYELELO
UmGaqo-nkqubo weentlelo zolwazi lwemveli (IKS) wamkelwa sisigqeba sombuso ngeyeNkanga 2004, ngolo hlobo zilungiselela indawo yokuqala yesiganeko esibalulekileyo kwimizamo yethu ukuba mayiqondakale, ingqine, ivelise, ixhase kwaye ikhusele iintlelo zolwazi lwemveli eMzantsi Afrika. Ekubeni ephanda iinkcukacha ezininzi kwanomngeni odityaniswa ne-IKS, inkqubo ekhangeleka inde kunokulindela, inikeza ezo zibandakanyekayo ngamava angaqhelekanga, ukusuka apho zivela zimanyane kunconyo lwazo lobubanzi namathotho amaqondo okulinganisa obutyebi obunexabiso boMzantsi Afrika. Yomeleza umoya wentsebenziswano phakathi kwabo bonke abachaphazelekayo ababandakanyeka kuyilo lwayo, ukusuka kubameli bamasebe karhulumente namabhunga enzululwazi, ukuya kumaziko emfundo ephakamileyo, ii-NGOs kwaye ke, ngokuqinisekileyo nababambe ulwazi olulodwa.
Ukwaziswa komGaqo-nkqubo we-IKS kumele impumelelo ebalulekileyo ngokokubophelela i-IKS kwindawo yokutshabalalisa ubuhlwempu. Ekubeni kukuninzi ukuphazamiseka kweeprojekthi ezibandakanyekayo kwezo njongo zibekekileyo, umGaqo-nkqubo we-IKS unikela kwisiseko ngenene apho ulwazi lwemveli lunokusetyenziswa ukwenzeni ukuphazamiseka ngokufanelekileyo okuninzi. Silindele lukhulu ukuba ukwamkelwa kwalo mgaqo-nkqubo kuza kukhokelela kwimpucuko ekwanobutyebi kwimpilo yabemi abaninzi nakwimeko abaphila phantsi kwazo. Kangangokuba kubaluleke gqitha ukuba iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, kwakunye namanye amasebe karhulumente kwanabachaphazelekayo, ahambele ngokuqinileyo ukuyela ngasekuzalisekiseni umgaqo-nkqubo kwanawo onke amalungiselelo awo.
Kuluvuyo olukhulu ngoko ke, ukuba ndinikele ngomGaqo-nkqubo we-IKS kuni.
Iintlelo zoLwazi lweMveli
INTSHAYELELO
Ulwamkelo lomGaqo-Nkqubo weentlelo zolwazi lwemveli (IKS) sisigqeba sombuso yinto enokubhiyozelwa zizo xa zombini iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe nangabo bonke abachaphazelekayo balo. Ukunakana i-IKS ngokunokwayo, umgaqo-nkqubo uzama ukwenza kube lula ngokungcono ukuqonda ngembali nemeko yenkcubeko, kwaye ifanele imveli kwanamabandla asekuhlaleni. Ngumgaqo-nkqubo owomeleleyo ozisa ababhexeshi abaphambili kunye nabangababumbanisi beziqalelo zemichiza ngaphandle kokujika ngokwayo malunga nophuhliso kwanokuba nako ukwenza uqoqosho lwabanini, kwakunye namagcisa e-IKS. Ngumgaqo-nkqubo onokuphendula ngokuqinisekileyo kokusingqongileyo okutshintsha ngokukhawuleza, kwanalapho imveli namabandla asekuhlaleni kunye nabantu ababodwa benokwabelana ngobulungisa ekuthandeni ukuhlala kunye nakumathuba oqoqosho aseMzantsi Afrika.
Into eyenzekileyo engaphantsi kukuba ulwazi lwemveli belusoloko kwaye luqhubekeka luyinto enesiphumo yokuqala ekusindeni nakwintlalo-ntle yesininzi sabantu boMzantsi Afrika. Inkqubo izama ukunakana oku, ukuyingqina, iyivelise, iyixhase kwaye ikhusele abagcini namagcisa olu lwazi. Izinyanzeliso zenkqubo, ibizwa ngokuba kukumiswa kwe-Ofisi yeSizwe, iKomiti yabaCebisayo, iilebhu ze-IKS, njl-njl., zintloko kwanemiceli mingeni ebalulekileyo kwaye avumelana neziphumo xa zizonke i-DST ezifuna kwinkqubo ye-IKS: Ukukhulisa kwemfundo yobugcisa eyandiswayo nempumelelo yamancedo aqinileyo alungiselelwe abagcini namagcisa e-IKS.
Ngesikhokelo senkqubo ecacileyo kunye neYunithi ye-IKS esendaweni, ezi ziqalelo zimele impumelelo ebalulekileyo elungiselelwe i-DST, kodwa umsebenzi onzima uqala ngoku. Iyunithi iza kuhlawuliswa ngazo zombini ngoguqulo lesalathisi senkqubo esibekwe kwintshukumo, nenkqubela-phambili eyongamelayo. Undoqo kuzalisekiso oluyimpumelelo luza kuxhomekeka ekubeni kungakhawuleziswa kangakanani ukuphuhlisa inoveli nolwazi ngobugcisa jikelele lwemveli obunamandla amaninzi, ethengisa emarikeni imveliso ezintsha kunye neenkonzo, kwaye esoloko ehlala ngaphambili komqulu.
Ekugqibeleni, ndifuna ukuthabatha elithuba ndidlulise ubungqina bam obuzeleyo ngomGaqo-nkqubo we-IKS, ebeyincopho yomzamo obalaseleyo we-DST, ndicacise izinto ezilindelweyo ukuba umgaqo-nkqubo uza kuntshulisa uzalisekiso lweenjongo zethu eziyimpumelelo enkulu.
Isebe: lezeNzululwazi nobuChwepheshe
INTSHAYELELO
IiNtlelo zoLwazi lweMveli (IKS) zitsale umdla kubungezelelo lwabantu abaninzi kuwo omabini amazwe aphuhlisisweyo nasaphuhliswayo. Njengemigaqo-nkqubo nezikhokelo zomithetho eziphuhlisiweyo, ukubaluleka kwazo zombini kukuchonga nokukhusela ulwazi lwemveli okuzuza inyameko eyandileyo evela kubaqulunkqi bomgaqo-nkqubo abakwihlabathi liphela. Amazwe anjenge-India neBrazil sele enze inkqubela ebalulekileyo.
Nangona unxulumano olucacileyo kwanelifa nesithethe senkcubeko, ulwazi lwemveli ikakhulu lukumphetho onqumlayo. Umzekelo, ingxaki yokuba ungabuchaza njani ubunini bepropati yengqondo ngokwesithethe sebandla kunomntu oyedwa okanye inkampani esebenzise iingqondo ezisulungekileyo zomthetho kwaye nobona bunganga bemiceli-mngeni yabanini mgaqo-nkqubo. Indima yolwazi lwemveli ekungenisweni kwezinto ezintsha kushishino lwamayeza luyaziwa. Iinkcukacha ezininzi kunye noluhlu olubanzi lwenkcubeko zabachaphazelekayo zithetha into yokuba inkqubo yokuphuhlisa umgaqo-nkqubo we-IKS ngu-DST ithabathe ixesha elide kunaxa bekucingelwa.
Isebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe likunye namanye amasebe karhulumente kwakunye nabachaphazelekayo, kungoku nje liza kuqalisa ekuzalisekiseni umgaqo-nkqubo. Oku kuza kufuna thina sisebenzisane kakhulu namaSebe esisebenzisana kakhulu nawo, iSebe lezoRhwebo noShishino, elezeMpilo nelezeNdalo noKhenketho. Izinto zintathu eziphambili ezihambisekayo eziza kuvela ukusuka kule nkqubo luhlelo lokurekhodishela ulwazi lwemveli, uhlelo lwepropati yengqondo ebonakalisa i-IKS, indawo efanelekileyo yolwazi lwemveli esekelwe kushishino ngaphakathi kuphuhliso lwamashishini asakhasayo. Le ngenene yinkqubo evuselelayo!
IiNtlelo zoLwazi lweMveli
IMBONO NEENJONGO ZOMGAQO-NKQUBO WENTLELO ZOLWAZI LWEMVELI (IKS) EMZANTSI AFRIKA
Isingeniso
Urhulumente weRiphabliki yoMzantsi Afrika ubhalise ngokuzibophelela kwakhe ekwamkelweni, ekuxhasweni, ekuphuhlisweni, ekukhuseleni nasekuqiniseleni i-IKS. Lo mGaqo-nkqubo yimveliso yonxibelelwano oluninzi, olubonisa ukuthand?ukufunda, ingxoxo nokuthabatha inxaxheba ukusukela kuluhlu lwabachaphazelekayo. Uthatho nxaxheba lwamagcisa nabanini boLwazi lweMveli (IK) ibubunzima obubalulekileyo.
Isebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe
